Uyeremiya 32:31-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Ngokuba lo mzi waba sisisulu somsindo wam nobushushu bam, kususela kwimini owakhiwa ngayo, kude kube yile mini; ukuze ndiwususe ebusweni bam,

32. ngenxa yobubi bonke boonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda, ababenzileyo ukuba bandiqumbise, bóna, nookumkani babo, nabathetheli babo, nababingeleli babo, nabaprofeti babo, namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem.

33. Bándinikela ikhosi, àbandinikela ubuso; báfundiswa, befundiswa kwakusasa, àbaphulaphula ububa bakuvume ukuqeqeshwa.

34. Bábeka izinto zabo ezinezothe endlwini ebizwa ngegama lam, ukuze bayenze inqambi;

35. bámakhela uBhahali izigánga ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze babacandisele uMoleki* oonyana babo neentombi zabo, into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba bawenze loo masikizi, ukuze bawenze one amaYuda.

36. Kukaloku ke, ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kulo mzi, enithi, Únikelwe esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa: ukuthi,

37. Yabona, ndiyababutha emazweni onke, endabagxothela kuwo ngomsindo wam, nangobushushu bam, nangoburhalarhume obukhulu; ndobabuyisela kule ndawo, ndibahlalise bekholosile.

38. Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo;

39. ndibànike intliziyo enye, nendlela enye, ukuze bandoyike imihla yonke, kulunge kubo, nakoonyana babo emva kwabo.

Uyeremiya 32