Uyeremiya 32:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Kuba ebevalelwe kuyo nguZedekiya ukumkani wakwaYuda, esithi, Yini na ukuba uthi ukuprofeta kwakho, Útsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;

4. angàsindi esandleni samaKaledi uZedekiya ukumkani wakwaYuda; úya kunikelwa okunene esandleni sokumkani waseBhabheli; umlomo wakhe uthèthe nomlomo wakhe, amehlo akhe abone amehlo akhe;

5. amse uZedekiya eBhabheli, abe khona ndide ndimvelele, utsho uYehova; xa nithe nalwa namaKaledi, aniyi kuba nampumelelo.

6. Wathi uYeremiya, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

7. Yabona, uHanameli, unyana kaShalum uyihlokazi, uza kuwe, esithi, Yithenge intsimi yam eseAnatoti; ngokuba kulunge nawe ukuyithenga uyikhulule ngentlawulelo.

8. Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela; zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo.

9. Ndayithenga ke intsimi kuHanameli, unyana kabawokazi, eseAnatoti, ndamlinganisela imali leyo, iishekele* ezilishumi zesilivere ezineeshekele ezisixhenxe.

Uyeremiya 32