Uyeremiya 31:28-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Kuya kuthi njengoko ndabaphaphelayo ukuba ndinyothule, ukuba ndidilize, ukuba ndigungxule, ukuba nditshabalalise, ukuba ndenze kube kubi: ngokunjalo ndibaphaphele ukuba ndakhe, ukuba ndityale; utsho uYehova.

29. Ngaloo mihla abasayi kuba sathi, Ooyise badlé iidiliya ezimuncu, amazinyo oonyana aba buthelezi;

30. ke elowo uya kufa ngenxa yobakhe ubugwenxa; umntu wonke odla iidiliya ezimuncu, nguye omazinyo aya kuba buthelezi.

31. Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda;

Uyeremiya 31