12. Baya kuza bamemelele ezindulini zaseZiyon, basinge kwizinto ezilungileyo zikaYehova, engqoloweni, nasewayinini entsha, naseolini, nasemgqekwini weegusha neenkomo; imiphefumlo yabo ibe njengomyezo onyelwa ngamanzi, uvunde; bangabi saphinda bathé amandla.
13. Iya kwandula intombi ivuye ekungqungqeni, namadodana namadoda amakhulu kunye; ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali, ndibathuthuzele, ndibavuyise, bangabi nasingqala.
14. Ndowuseza uhluthe umphefumlo wababingeleli ngamafutha, bahluthe abantu bam zizinto zam ezilungileyo; utsho uYehova.
15. Utsho uYehova ukuthi, Kuvakele izwi eRama, isimema, isililo esikrakra: uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, ngenxa yabantwana bakhe, ngokuba bengasekho.
16. Utsho uYehova ukuthi, Lithintele ilizwi lakho, lingalili, namehlo akho angabi nanyembezi; ngokuba únomvuzo umsebenzi wakho, utsho uYehova; baya kubuya ezweni lotshaba.
17. Linethemba ikamva lakho, utsho uYehova; oonyana bakho baya kubuyela emdeni wabo.
18. Ndimvile ngenene uEfrayim, ehlunguzela intloko, esithi, Ùndiqeqeshile ndaqeqesheka njengethole elingekathambi; ndíbuyise, ndibuye; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wam.