Uyeremiya 31:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngelo xesha, utsho uYehova, ndiya kuba nguThixo kwimizalwane yonke yakwaSirayeli, yona ibe ngabantu bam.

2. Utsho uYehova ukuthi, BĂ babalwa entlango abantu abasindileyo ekreleni; ndoya ndiwaphumze amaSirayeli.

3. UYehova ubonakele kum kwakude, wathi, Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolĂșlele inceba.

4. Ndiya kubuya ndikwakhe, wakheke, ntombi inguSirayeli; uya kubuya uzihombise, uphathe iingqongqo zakho, uphume uye ekungqungqeni kwabangqungqayo.

5. Uya kubuya utyale izidiliya ezintabeni zakwaSamari, batyale abatyali, bazidle ngokwabo.

6. Ngokuba kuya kubakho umhla, abaya kumemeza ngawo abalindi ezintabeni zakwaEfrayim, besithi, Sukani nime, sinyuke siye eZiyon kuYehova, uThixo wethu.

7. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Memelelani ngoYakobi, nivuye, nitsholoze ngentloko yeentlanga; vakalisani, dumisani, yithini, Basindise, Yehova, abantu bakho, amasalela akwaSirayeli.

Uyeremiya 31