Uyeremiya 3:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wathi uYehova kum, Iphambakazi uSirayeli lizigwebele ngokwalo, ngaphezu kwengininginikazi uYuda.

12. Yiya umemeze la mazwi entla, uthi, Buya, phambakazi Sirayeli, utsho uYehova; andiyi kubusanganisa ubuso bam kuni, ngokuba ndinenceba, utsho uYehova; andiyi kuba nanqala ngonaphakade.

13. Búvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.

14. Buyani, nyana bangamaphamba, utsho uYehova; ngokuba ndinizekile mna. Ndiya kunithabatha abe mnye emzini, babe babini kwimizalwane, ndinizise eZiyon;

15. ndininike abalusi ábangantliziyo yam, banaluse ngokwazi nangengqiqo.

16. Kothi, xa nithe nanda naqhama ezweni ngaloo mihla, utsho uYehova, bangàbi sathi, Ityeya yomnqophiso kaYehova; ingàthi qatha entliziyweni; ingàkhunjulwa ngabo, ingàfuneki, ingàbuye yenziwe.

17. Ngelo xesha iYerusalem kuya kuthiwa yitrone kaYehova, zixhontelane khona zonke iintlanga ngenxa yegama likaYehova eliseYerusalem; zingabi salandela ubungqola bentliziyo yazo embi.

Uyeremiya 3