Uyeremiya 3:11-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wathi uYehova kum, Iphambakazi uSirayeli lizigwebele ngokwalo, ngaphezu kwengininginikazi uYuda.

12. Yiya umemeze la mazwi entla, uthi, Buya, phambakazi Sirayeli, utsho uYehova; andiyi kubusanganisa ubuso bam kuni, ngokuba ndinenceba, utsho uYehova; andiyi kuba nanqala ngonaphakade.

13. BĂșvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho, waziphangalalisa iindlela zakho kwabasemzini, ngaphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza; ke ilizwi lam analiphulaphula; utsho uYehova.

14. Buyani, nyana bangamaphamba, utsho uYehova; ngokuba ndinizekile mna. Ndiya kunithabatha abe mnye emzini, babe babini kwimizalwane, ndinizise eZiyon;

Uyeremiya 3