1. Ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi kuYeremiya,
2. liphuma kuYehova, lisithi: Utshilo uYehova kum ukuthi, Zenzele izitropu needyokhwe, uzifake entanyeni yakho.
3. Wòzithumela kukumkani wakwaEdom, nakukumkani wakwaMowabhi, nakukumkani woonyana baka-Amon, nakukumkani waseTire, nakukumkani waseTsidon, ngesandla sabathunywa abeze eYerusalem kuZedekiya ukumkani wakwaYuda;