Uyeremiya 26:17-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kwesuka kwema amadoda kumadoda amakhulu elo zwe, athetha kulo lonke ibandla labantu, athi,

18. UMika waseMoreshete waprofeta ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, wathetha kubantu bonke bakwaYuda, esithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, IZiyon iya kulinywa ibe yintsimi, neYerusalem ibe yimiwewe, nentaba yendlu le ibe yimimango enehlathi.

19. Bambulala na ke uHezekiya ukumkani wakwaYuda namaYuda onke? Àkoyikanga uYehova na, wambongoza uYehova, waza uYehova wazohlwaya ngenxa yobubi abebuthethile ngabo? Thina ke, sènze na ububi obukhulu kwimiphefumlo yethu?

20. Kwaye kananjalo kuprofeta egameni likaYehova indoda engu-Uriya unyana kaShemaya, waseKiriyati-yeharim; waprofeta ngalo mzi nangeli lizwe, ngokwamazwi onke kaYeremiya.

21. Waweva ke ukumkani uYehoyakim, namagorha akhe onke, nabathetheli bonke, amazwi akhe; ukumkani wafuna ukumbulala. Weva u-Uriya, woyika, wasaba waya eYiputa.

22. Ukumkani uYehoyakim wathumela amadoda eYiputa, uElinatan unyana ka-Akebhore, enamadoda athile, baya eYiputa.

23. Bamrhola u-Uriya eYiputa, bamzisa kukumkani uYehoyakim; wambulala ngekrele, wasiphosa isidumbu sakhe emangcwabeni oluntu.

24. Kodwa isandla sika-Ahikam unyana kaShafan besinoYeremiya, ukuba angànikelwa esandleni sabantu ukuba abulawe.

Uyeremiya 26