4. Ngokuba xa nithe nalenza nokulenza eli lizwi, bongena ngamasango ale ndlu ookumkani, abahlalela uDavide etroneni yakhe, bekhwele ezinqwelweni nasemahasheni, yena, nabakhonzi bakhe, nabantu bakhe.
5. Ke ukuba nithe anaweva la mazwi, ndizifungile mna, utsho uYehova, ukuba le ndlu iya kuba linxuwa.
6. Ngokuba utshilo uYehova ngendlu yokumkani wakwaYuda, ukuthi, ÙlelaseGiliyadi wena kum, uyincopho yeLebhanon; inyaniso, ndiya kukwenza intlango, imizi engamiweyo.
7. Ndiya kukungcwalisela abonákalisi, elowo abe neempahla zakhe, bagawule imisedare* yakho enyuliweyo, bayiphose emlilweni.
8. Kodlula kulo mzi iintlanga ezininzi, bathi elowo kummelwane wakhe, Kungenxa yani na ukuba uYehova enjenje kulo mzi mkhulu?