Uyeremiya 20:16-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Loo ndoda mayibe njengemizi awayibhukuqayo uYehova, akazohlwaya; mayive ukukhala kusasa, ive kuhlatywa umkhosi emini enkulu;

17. ngokuba ingandibulalanga kwasesizalweni, waza waba lingcwaba lam uma, isizalo sakhe sahlala sindimithi.

18. Ibiyini na ukuba ndiphume esizalweni, ukuze ndibone ukwaphuka nesingqala, iphele imihla yam kukudana?

Uyeremiya 20