1. Ke kaloku, uPashure unyana kaImere, umbingeleli, lowo ke ubengumveleli oyingànga endlwini kaYehova, weva uYeremiya eprofeta la mazwi.
2. UPashure wambetha uYeremiya umprofeti, wamfaka esitokisini* esisesangweni lasentla lakwaBhenjamin, elisendlwini kaYehova.
3. Kwathi ngengomso, uPashure wamkhupha uYeremiya esitokisini.Wathi uYeremiya kuye, UYehova àkathi linguPashure igama lakho; úthi linguNxunguphala-ngeenxa-zonke.
4. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikwenza ukuba uzinxunguphalise wena ngokwakho, nabo bonke abakuthandayo; bawe likrele leentshaba zabo, abone amehlo akho, ndiwanikèle onke amaYuda esandleni sokumkani waseBhabhedi, abafudusele eBhabheli, ababulale ngekrele.
5. Ndoyinikela yonke ingqwebo yalo mzi, nongeniselo lwawo lonke, neento zawo zonke ezinqabileyo; nobuncwane bonke bookumkani bakwaYuda ndibunìkele ezandleni zeentshaba zabo, zibuphange, zibuthabathe, zibuse eBhabheli.
6. Wena Pashure, nabo bonke abahleli endlwini yakho, niya kuthinjwa; uyé eBhabheli, ufele khona, ungcwatyelwe khona, wena nabakuthandayo bonke, abaprofetele ubuxoki.
7. Yehova, ùndirhwebeshile, ndarhwebesheka; undibambile, wandeyisa, ndaba yintlekisa yonke imini; bonke bephela bayandigculela.
8. Ngokuba ndithi, ndakuthetha, ndikhale, ndidanduluke, ndithi, Lugonyamelo nobhuqo; ngokuba ilizwi likaYehova laba sisingcikivo nesicukucezo kum yonke imini.
9. Ndithi ndakuthi, Andisayi kumkhankanya, andisayi kuthetha engameni lakhe: kusuke entliziyweni yam kunge ngumlilo otshayo, uvalelwe emathanjeni am; ndadinwa kukunyamezela, andaba nako.