Uyeremiya 2:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngako oko ndisaya kubambana nani, utsho uYehova, ndibambane noonyana boonyana benu.

10. Kuba welani, niye eziqithini zamaKiti, nibone; nithùme nakwaKedare, nigqale kunene, nikhangele ukuba zikhe zakho na izinto ezinjalo;

11. ukuba uhlanga lwakhe lwananisa na ngoothixo balo, bengèthixo ke bona? Ke bona abantu bam banane ngozuko lwabo into engancediyo.

12. Mangaliswani, mazulu, yile nto, nibe namanwele, niqothole kunene; utsho uYehova.

13. Ngokuba benzé ububi obubini abantu bam: bandishiyile mna, thende lamanzi aphilileyo; bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angagcini manzi.

14. USirayeli ulikhoboka na? Ulelizalelwe ekhaya na? Kúngathubani na, ukuba abe yinto ephangiweyo?

15. Zimbharhúlele iingonyama ezintsha, zalikhupha izwi lazo, zalenza laba senkangala ilizwe lakhe, imizi yakhe yafakwa isikhuni, ayaba nabemi.

16. Kananjalo oonyana baseNofu nabaseTapanesi bádlela elukakayini lwakho.

Uyeremiya 2