6. Àbatsho ukuthi, Uphi na uYehova owasinyusayo, wasikhupha ezweni laseYiputa, owasihambisa entlango, ezweni eliyinkqantosi, lezihogo, ezweni elingumqwebedu, elethunzi lokufa, ezweni elingacandi mntu, elingahlali mntu?
7. Ndaningenisa ezweni elimasimi achumayo, ukuba nidle iziqhamo zalo, nezinto ezilungileyo zalo; ukanti nakùngena nalenza inqambi ilizwe lam, ilifa lam nalenza langamasikizi.
8. Ababingeleli àbatshongo ukuthi, Uphi na uYehova? Abaphathi bomyalelo abandazanga, nabalusi bakreqa kum; nabaprofeti baprofeta ngoBhahali,* balandela abangancedi nto.
9. Ngako oko ndisaya kubambana nani, utsho uYehova, ndibambane noonyana boonyana benu.
10. Kuba welani, niye eziqithini zamaKiti, nibone; nithùme nakwaKedare, nigqale kunene, nikhangele ukuba zikhe zakho na izinto ezinjalo;
11. ukuba uhlanga lwakhe lwananisa na ngoothixo balo, bengèthixo ke bona? Ke bona abantu bam banane ngozuko lwabo into engancediyo.