Uyeremiya 19:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndiya kwenjenje ukubaqhekeza aba bantu nalo mzi, njengokuqhekezwa kwezitya zombumbi, ezingasenakubuya zingcitywe; babangcwàbele eTofete, ngokungabikho ndawo yakungcwaba.

12. Ndiya kwenjenjalo kule ndawo, utsho uYehova, nakubemi bayo, ukuze lo mzi ndiwenze ube njengeTofete.

13. Izindlu zeYerusalem nezindlu zookumkani bakwaYuda zoba yinqambi, njengendawo yeTofete: zonke izindlu, abaqhumisela phezu kophahla lwazo kuwo wonke umkhosi wasezulwini, bathululele thixo bambi iminikelo ethululwayo kubo.

14. Wabuya uYeremiya eTofete, apho uYehova abemthumele khona ukuba aprofete; wema entendelezweni yendlu kaYehova, wathi kubantu bonke,

15. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwuzisela lo mzi, nemizi yawo yonke, bonke ububi endibuthethileyo ngawo; ngokuba beyenzé lukhuni intamo yabo, ukuze bangawevi amazwi am.

Uyeremiya 19