1. Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lalisithi,
2. Suka uhle, uye endlwini yombumbi, ndikuvise khona amazwi am.
3. Ndehla ke, ndaya endlwini yombumbi, nanko esenza ishishini ezintendeni.
4. Sakonakala isitya abesenza ngodongwe, esandleni sombumbi, wabuya wenza sitya simbi ngalo, njengoko kwakuthe tye emehlweni ombumbi ukusenza.
5. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
6. Andinako na ukuxelisa lo mbumbi ukwenza kuni, ndlu kaSirayeli? utsho uYehova. Yabonani, njengoko lunjalo undongwe esandleni sombumbi, ninjalo nina esandleni sam, ndlu kaSirayeli.
7. Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilunyothule, ukuba ndiludilize, ukuba ndilutshabalalise.
8. Ukuba ke olo luhlanga lubuyile ezintweni zalo ezimbi, olo ndithethe ngalo, ndozohlwaya ngenxa yobubi, ebe ndisithi ndiza kubenza kulo.
9. Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilwakhe, ukuba ndilutyale;