5. Utsho uYehova ukuthi, Iqalekisiwe indoda ekholose ngomntu, eyenza inyama ingalo yayo, intliziyo yayo imke nje kuYehova;
6. ibe njengochushuluzayo enkqantosini, ingaboni kufika nto ilungileyo; ime engqaqasini, entlango, ezweni letyuwa elingenammi.
7. Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova;
8. kuba yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.
9. Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?
10. Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndiyazicikida izintso, ukuze ndinike ulowo nalowo ngokwendlela yakhe, ngokwesiqhamo seentlondi zakhe.
11. Njengesikhwatsha esifukamela amaqanda esingawazalanga, unjalo ozuza ubutyebi ngokungesesikweni; uya kubushiya phakathi kwemihla yakhe, abe sisidenge ekupheleni kwakhe.
12. Wena trone yobuqaqawuli, mongamo kwasekuqaleni, ndawo yengcwele yethu;
13. themba likaSirayeli, Yehova, bonke abakushiyayo baya kudana. Abatyekayo kum baya kubhalelwa emhlabeni, ngokuba belishiyile ithende lamanzi aphilileyo, uYehova.
14. Ndíphilise, Yehova, ndiphile; ndísindise, ndisinde; ngokuba indumiso yam nguwe.
15. Yabona, bathi, Liphi na ilizwi likaYehova? malize kalokunje.
16. Mna andikubalekelanga ukuba ngumalusi emva kwakho; andiwunqwenelanga umhla onesifo, wena uyazi; okuphume emlonyeni wam bekuphambi kobuso bakho.
17. Musa ukundiqhiphula umbilini; ùlihlathi lam ngomhla wobubi.
18. Mabadane abandisukelayo, mandingadani mna; mabaqhiphuke umbilini bona, mandingaqhiphuki umbilini mna; bàzisele imini yobubi, ubaphule ngolwaphulo olubini.
19. UYehova watsho kum ukuthi, Hamba uye kuma esangweni loonyana babantu, abangena ngalo ookumkani bakwaYuda, abaphuma ngalo, nasemasangweni onke aseYerusalem;
20. uthi kubo, Liveni ilizwi likaYehova, nina kumkani bakwaYuda, nani maYuda nonke, nani bemi bonke baseYerusalem, bangenayo ngala masango.
21. Utsho uYehova ukuthi, Zigcineni ngenxa yemiphefumlo yenu, ningà thwali mthwalo ngomhla wesabatha, niwungenise ngamasango aseYerusalem;
22. ningaphumi nomthwalo ezindlwini zenu ngomhla wesabatha, ningenzi nalinye ishishini. Wungcwaliseni umhla wesabatha, njengoko ndabawiselayo umthetho ooyihla.
23. Ke abevanga, abazithobanga iindlebe zabo, bayenza lukhuni intamo yabo, ukuze bangevi, ukuze bangavumi ntethiso.
24. Kothi ke, ukuba nithe nandiphulaphula, utsho uYehova, ànangenisa mthwalo ngamasango alo mzi ngomhla wesabatha, nawungcwalisa umhla wesabatha, ànenza nalinye ishishini ngawo: