11. wothi kubo, Kungenxa yokuba ooyihlo bendishiyile, utsho uYehova; balandela thixo bambi, babakhonza, baqubuda kubo; mna bandishiya, umyalelo wam àbawugcina;
12. nasuka ke nina nenza okubi ngaphezu kooyihlo; nanko, nilandela elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi, ningandiphulaphuli.
13. Ndiya kunijulela ngaphandle kweli lizwe, niye ezweni eningalazanga, nina nooyihlo, nikhonzele khona apho thixo bambi imini nobusuku; ngokuba ndingayi kuba natarhu kuni.
14. Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, ekungayi kuba sathiwa, Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa; ekuya kuthiwa,
15. Ehleli nje uYehova, owabanyusayo oonyana bakaSirayeli ezweni lasentla, nasemazweni onke ebebagxothele kuwo; ndobabuyisela kowabo umhlaba endawunika ooyise.
16. Yabonani, ndithumela ababambisi beentlanzi abaninzi, beze bababambise, utsho uYehova; emveni koko ndithumèle abazingeli abaninzi, beze babazingele, baphume nabo ezintabeni zonke, nasezindulini zonke, nasezimfanteni zeengxondorha.
17. Ngokuba amehlo am akuzo zonke iindlela zabo, àzisithele kum; àbufihlakèle ubugwenxa babo phambi kwamehlo am.