Uyeremiya 14:18-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ukuba ndithe ndaphuma ndaya emaphandleni, nabó ababuleweyo likrele; ukuba ndithe ndangena kuwo umzi, nabó abáfa yindlala; ngokuba umprofeti kwanombingeleli bayaquleka ezweni abangalaziyo.

19. Ùmcekisé kwaphela na uYuda? Údimele na yiZiyon umphefumlo wakho? Yini na ukuba usibethe, singabi nakuphiliswa? Sithembé uxolo, akwabakho nto ilungileyo; sithembé ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.

20. Siyakwazi, Yehova, okungendawo kwethu, ubugwenxa boobawo; ngokuba sonile kuwe.

21. Ngenxa yegama lakho, musa ukusigiba; ungayihlazisi itrone yobuqaqawuli bakho. Khumbula, ungawaphuli umnqophiso wakho nathi.

22. Phakathi kothixo abangento beentlanga, bakhó na abangánisa imvula? Izulu lingáyinika na imivumbi? Asinguwe na, Yehova Thixo wethu? Sithembé wena; ngokuba uzenzile wena zonke ezo zinto.

Uyeremiya 14