Uyeremiya 14:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Into eyafikayo kuYeremiya, ililizwi likaYehova, ngendawo yokunqumka kwemvula.

2. Linesijwili elakwaYuda; amasango alo athe matshamatsha, ahlala emhlabeni enezimnyama zokuzila; kuyenyuka ukukhala kweYerusalem.

3. Iingangamsha zabo zithuma abaphantsi kwazo amanzi; bafika emaquleni, bangafumani manzi; babuya imiphanda yabo izé, bedanile; bathi nqa, bagqubuthele intloko.

4. Ngenxa yomhlaba oqhiphuke umbilini, kuba kungabangakho mvula ezweni, abalimi badanile, bagqubuthele intloko.

5. Ewe, nemazi yexhama iyazala endle, iyishiye inkonyana, ngokuba kungekho luhlaza.

6. Namaesile asendle emi eluqayini, esezela umoya njengeempungutye; ayaphela amehlo awo, ngokuba kungekho mifuno.

7. Ukuba ubugwenxa bethu bungqina ngathi, Yehova, yenza ngenxa yegama lakho; ngokuba kuninzi ukuphamba kwethu; sonile kuwe.

8. Themba likaSirayeli, Msindisi wakhe ngexesha lembandezelo, yini na ukuba ube njengomphambukeli kweli lizwe, ube njengomhambi olalise okobusuku obunye?

9. Yini na ukuba ube njengendoda esuke yathi nka, ube njengegorha elingenakusindisa; kanti uphakathi kwethu, Yehova, negama lakho sibizwe ngalo. Musa ukusiyekela.

Uyeremiya 14