Uyeremiya 13:3-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Kwafika ilizwi likaYehova kum okwesibini, lisithi,

4. Wuthabathe umbhinqo owuthengileyo, osesinqeni sakho, usuke uye emEfrati, uwufihle khona emfanteni yengxondorha.

5. Ndaya, ndawufihla emEfrati, njengoko wandiwisela umthetho ngako uYehova.

6. Kwathi, ekupheleni kwemihla emininzi, wathi uYehova kum, Suka uye emEfrati, uwuthabathe khona umbhinqo endakuwisela umthetho ngawo, ukuba uwufihle khona.

7. Ndaya ke emEfrati, ndemba, ndawuthabatha umbhinqo kuloo ndawo bendiwufihle kuyo, nango wonakele umbhinqo, ungĂ senamsebenzi.

8. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

9. Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukulonakalisa ikratski lakwaYuda, ikratshi elikhulu laseYerusalem.

10. Aba bantu bĂ nobubi, bangavumiyo ukuva amazwi am, bahambayo ngobungqola bentliziyo yabo, balandela thixo bambi, ukuze babakhonze, baqubude kubo: baya kuba njengaloo mbhinqo ungasenamsebenzi.

11. Ngokuba njengokuba umbhinqo unamathela esinqeni sendoba, ndenjenjalo ukuyinamathelisa kum yonke indlu kaSirayeli, nendlu yonke kaYuda, utsho uYehova; ukuze kum ibe ngabantu, ibe ligama, ibe yindumiso, ibe sisihombo; ke abevanga.

12. Uze uthethe kubo eli lizwi: Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini. Baya kuthi kuwe, Asazi nokwazi na, ukuba yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini?

Uyeremiya 13