12. Uze uthethe kubo eli lizwi: Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini. Baya kuthi kuwe, Asazi nokwazi na, ukuba yonke imiphanda iyazaliswa ngewayini?
13. Wòthi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazalisa ngokunxila bonke abemi beli lizwe, kwaookumkani abahlalele uDavide etroneni yakhe, nababingeleli, nabaprofeti, nabemi bonke baseYerusalem;
14. ndibahlekézele elowo kuwabo, ooyise noonyana kunye, utsho uYehova. Andiyi kuba nalufefe, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba namfesane, ukuba ndingabonákalisi.
15. Yivani, nibeke indlebe; musani ukuzidla, ngokuba uYehova uyathetha.
16. Mzukiseni uYehova uThixo wenu, engekahlisi ubumnyama, zingekabetheki ezintabeni zocolothi iinyawo zenu; nithembé ukukhanya, ke yena ukwenza ithunzi lokufa, akwenze isithokothoko.
17. Ukuba anithanga nikuve oko, wólila umphefumlo wam entsithelweni ngenxa yoqhankqalazo lwenu; lityityizele lityityizela, lihle iinyembezi, iliso lam; ngokuba umhlambi kaYehova uthinjiwe.
18. Yithi kukumkani nakwinkosikazi, Zithobeni, hlalani phantsi; ngokuba síyehla ezintlokweni zenu isithsaba sokuhomba kwenu.
19. Imizi yelisezantsi ivaliwe, akukho ungayivulayo; uYuda ufudusiwe ephela; ufudusiwe kanye.
20. Phakamisani amehlo enu, nibone abavela entla. Úphi na umhlambi obuwunikiwe, impahla yakho emfutshane entle?