Uyeremiya 11:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngokuba ndaqononondisa ndiqononondisa koyihlo, mhla ndabakhuphayo ezweni laseYiputa unanamhla, ndiqononondisa kwakusasa, ndisithi, Liphulaphuleni ilizwi lam.

8. Ke abevanga, abayithobanga indlebe yabo; báhamba elowo ngobungqola bentliziyo yakhe enobubi. Ndesuka ke ndazìsa phezu kwabo onke amazwi alo mnqophiso, ndabawisela umthetho ngawo, ukuba bawenze; àbawenza.

9. UYehova wathi kum, Kufunyenwe iyelenqe phakathi kwamadoda akwaYuda, naphakathi kwabemi baseYerusalem.

10. Babuyéle kuzo izenzo ezigwenxa zooyise bamandulo, ababengavumi ukuweva amazwi am; ábasuka bona balandela thixo bambi ukuze babakhonze; indlu kaSirayeli nendlu kaYuda zawaphula umnqophiso wam endawenza nooyise.

11. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndibazisela ububi abangayi kuba nako ukuphuma kubo; bakhàle kum, ndingabaphulaphuli.

12. Iya kuhamba ke imizi yakwaYuda nabemi baseYerusalem, bakhale koothixo abaqhumisela kubo, bangàbasindisi nokubasindisa ngexesha lobubi babo.

13. Ngokuba ngangenani lemizi yakho, baba ngako oothixo bakaYuda; ngangenani lezitrato zaseYerusalem, zaba ngako izibingelelo enazimisela into elisikizi, izibingelelo zokuqhumisela kuBhahali.*

14. Wena ke musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo; ngokuba andiyi kuva ngexesha lokukhala kwabo kum, ngenxa yobubi babo.

Uyeremiya 11