Uyeremiya 10:17-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Hlanganisa impahla yakho, umke nayo kweli lizwe, wena uhleliyo ekungqingweni.

18. Ngokuba uYehova utshilo ukuthi, Yabona, ngesi sihlandlo, ndisawula abemi belizwe, ndibabandezele, ukuze bafunyanwe.

19. Athi ke mna, ngenxa yokwaphuka kwam! Lelokubulala inxeba lam; ke mna ndithi, Inyaniso, sisifo sam esi, ndiya kusinyamezela.

Uyeremiya 10