Urute 4:5-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wathi uBhohazi, Mhlenikweni uwuzuzayo umhlaba esandleni sikaNahomi, uwuzuza nakuRute, umMowabhikazi, umkamfi, ukuba uvuse igama lomfi elifeni lakhe.

6. Wathi umkhululi lowo, Andinakuzikhululela ngentlawulelo ngokwam, hleze ndilonakalise elam ilifa. Zikhululele ngentlawulelo isilunga sam eso; ngokuba andinako mna ukuwukhulula ngentlawulelo.

7. Ke kaloku kwakusithiwa kudala kwaSirayeli, ukukhulula ngentlawulelo nokwanana, ukuze yonke into ibe iqiniselwe, ubani anyothule imbadada yakhe ayinike ummelwane wakhe; oko kwaye kububungqina kwaSirayeli.

8. Wathi umkhululi lowo kuBhohazi, Zithengele. Wanyothula imbadada yakhe.

Urute 4