Unehemiya 7:52-64 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

52. oonyana bakaBhetsayi, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefishesim,

53. oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHarehure,

54. oonyana bakaBhatseliti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha,

55. oonyana bakaBharkosi, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama,

56. oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.

57. Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPerida,

58. oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele,

59. oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Amon.

60. Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.

61. Ngabo aba abenyuka bevela eTelemela, naseTele-harsha, naseKerubhiadoni-mere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise nomnombo wabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:

62. oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu, anamanci mané anababini.

63. Ke kubabingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotse, oonyana bakaBharzilayi, owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo:

64. abo bakúfuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwáyo emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.

Unehemiya 7