50. oonyana bakaRehaya, oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda,
51. oonyana bakaGazam, oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha,
52. oonyana bakaBhetsayi, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefishesim,
53. oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHarehure,
54. oonyana bakaBhatseliti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha,
55. oonyana bakaBharkosi, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama,
56. oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.
57. Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPerida,
58. oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele,
59. oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Amon.
60. Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.
61. Ngabo aba abenyuka bevela eTelemela, naseTele-harsha, naseKerubhiadoni-mere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise nomnombo wabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:
62. oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu, anamanci mané anababini.
63. Ke kubabingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotse, oonyana bakaBharzilayi, owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo:
64. abo bakúfuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwáyo emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.
65. Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.*
66. Lonke ibandla lindawonye ibe ingamawaka angamashumi amané anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;
67. zizodwa izicaka zabo ezi nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini, anamanci mané anantlanu.
68. Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mané anabahlanu;
69. iinkamela ibingamakhulu amané, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.
70. Inxenye yeentloko zezindlu zooyise yanikela emsebenzini. Irhuluneli yanikela ebuncwaneni igolide eliwaka leedarike,* namashumi amahlanu ezitya zokutshiza, namashumi amathathu eengubo zangaphantsi zababingeleli, nesilivere engamawaka amahlanu eemina.*