Unehemiya 7:25-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Oonyana baseGibheyon ibingamashumi asithoba anabahlanu.

26. Amadoda aseBhetelehem naseNetofa ibilikhulu, elinamanci asibhozo anesibhozo.

27. Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.

28. Amadoda aseBhete-azemavete ibingamashumi amané anamabini.

29. Amadoda aseKiriyati-yeharim, neKefira, neBheroti ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mané anamathathu.

30. Amadoda aseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini ananye.

31. Amadoda aseMikimas ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini.

Unehemiya 7