Unehemiya 7:14-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu.

15. Oonyana bakaBhinwi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mané anesibhozo.

16. Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anesibhozo.

17. Oonyana baka-Azegadi ibingamawaka amabini, anamakhulu mathathu, anamanci mabini anababini.

18. Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anesixhenxe.

19. Oonyana bakaBhigevayi ibingamawaka amabini, anamanci mathandathu anesixhenxe.

20. Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anabahlanu.

21. Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.

22. Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anesibhozo.

23. Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabané.

Unehemiya 7