13. Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asibhozo, anamanci mané anabahlanu.
14. Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu.
15. Oonyana bakaBhinwi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mané anesibhozo.
16. Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anesibhozo.
17. Oonyana baka-Azegadi ibingamawaka amabini, anamakhulu mathathu, anamanci mabini anababini.
18. Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anesixhenxe.