22. Kananjalo ndathi ngelo xesha ebantwini, Elowo nendodana yakwakhe makalale phakathi eYerusalem ebusuku, ukuze babe ngabalindi kuthi ebusuku, emini babe semsebenzini.
23. Ke mna, nabazalwana bam, namadodana akwam, namadoda alindayo abendilandela, sibe singazikhululi iingubo zethu. Elowo ebenekrele lakhe kwesokunene.