16. Kwakuhleli khona nabaseTire, bezisé iintlanzi neento zonke zentengiso; bethengisa ngesabatha koonyana bakaYuda eYerusalem.
17. Ndabambana nabanumzana bakwaYuda, ndathi kubo, Yintoni na le nto imbi kangaka niyenzayo, niwuhlambelayo umhla wesabatha?
18. Babengènjenalo na ooyihlo, waza uThixo wethu wasifikisela thina nalo mzi bonke obo bubi? Ke nina nongeza ukuvutha komsindo kuSirayeli, niyihlambela nje isabatha.
19. Bekusithi, kwakuba lungcwalazi phakathi kwamasango aseYerusalem phambi kwesabatha, ndithi mazivalwe iingcango; ndithi mazingàvulwa ide igqithe isabatha. Ndamisa inxenye yamadodana akwam emasangweni, ukuze kungàngeniswa mthwalo ngemini yesabatha.
20. Abarhwebi, nabathengisa ngeento zonke zentengiso, babelala ngaphandle kweYesusalem kanye nokuba kukabini.
21. Ndaqononondisa kubo, ndathi kubo, Yini na ukuba nilale phambi kodonga? Ukuba nithe naphinda, ndonisa isandla. Kususela kwelo xesha àbabanga seza ngesabetha.
22. Ndathi kubaLevi mabazihlambulule, beze bagcine amasango, ukuze kungcwaliswe umhla wesabatha.Ndíkhumbulele nangale nto, Thixo wam, ube nenceba kum ngokobuninzi benceba yakho.
23. Kananjalo ngaloo mihla ndawabona amaYuda abezeké abafazi abangama-Ashdodekazi, nama-Amonikazi, namaMowabhikazi,
24. oonyana babo inxenye bethetha ngesiAshdode, bengenakuqonda ukuthetha ngesiYuda, bethetha ngokwentetho yezizwe ngezizwe.
25. Ndabambana nawo, ndawatshabhisa, ndabetha amadoda kuwo, ndawadlathula iinwele, ndawafungisa uThixo ngokuthi, Inene, iintombi zenu aniyi kuzendisela koonyana babo, neentombi zabo aniyi kuzizekela oonyana benu, aniyi kuzizeka nani ngokwenu.
26. Wayengoné ngenxa yabo yini na uSolomon, ukumkani wamaSirayeli? Ezintlangeni ezininzi kwakungekho kumkani unjengaye: ubethandwa nguThixo wakhe, uThixo wamnika ukuba ngukumkani wamaSirayeli onke; naye lowo bamonisa abafazi bezinye iintlanga.
27. Makuvakale ngáni na, ukuba nenzé bonke obu bubi bukhulu, bokwenza ubumenemene kuThixo wethu, ngokuzeka abafazi bezinye iintlanga?
28. Ke kaloku koonyana bakaYoyada, unyana kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu, bekukho kubo ongumyeni kwaSanebhalati waseHoron; ndamgxotha ke kum.