Unehemiya 11:18-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Bebonke abaLevi emzini ongcwele babengamakhulu amabini, anamanci asibhozo anabané.

19. Abamasango: ibinguAkubhi, noTalemon, nabazalwana babo abagcina amasango, belikhulu elinamanci asixhenxe anababini.

20. Amanye amaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, babekweminye imizi yonke yakwaYuda, elowo eselifeni lakhe.

21. Ke abakhonzi betempile babehlala eOfele; abakhonzi abo betempile babephethwe nguTsiha noGishpa.

22. Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uziunyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo.

23. Ngokuba umthetho wokumkani ubuphezu kwabo, nomnqophiso wenene ubuphezu keemvumi malunga nento yemini ngangemini yayo.

Unehemiya 11