38. Umbingeleli unyana ka-Aron aze abekho nabaLevi, ekuzamkeleni kwabaLevi izishumi; bazinyuse abaLevi izishumi zezishumi ezo, bazizise endlwini kaThixo wethu, emagumbini endlu yobuncwane;
39. ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaLevi baya kuzisa umrhumo wengqolowa, newayini entsha, neoli, emagumbini apho zikhona iimpahla ezingcwele, nababingeleli abalungiselelayo, nabamasango, neemvumi; indlu kaThixo wethu singayishiyi.