Unahum 2:4-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Iinqwelo zokulwa ziyadlongozela ezitratweni, ziyagilana emabaleni; ukubonakala kwazo kunjengezikhuni ezitshangaziswayo, zibaleka njengemibane.

5. Úkhumbulé iingangamsha zakhe; ziya kukhubeka ekuhambeni kwazo; zingxamela eludongeni lwayo, selimisiwe ikhuselo.

6. Amasango àsemilanjeni avuliwe, linyibilikile ibhotwe.

7. Kugqityiwe kwelokuba iya kuhlutywa, imkiswe, nabakhonzazana bayo badumzele ngokwelizwi lamavukuthu, bebetha ezifubeni zabo.

8. INineve injengechibi lamanzi, kususela koko yabakhoyo; bayabaleka noko; kuba angàthiwa, Yimani, yimani! hayi, akubikho uphethulayo.

9. Phangani isilivere, phangani igolide; akunakuphela ukuxhotyiswa ngobuninzi beempahla zonke ezinqwenelekayo.

Unahum 2