7. Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova; ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam; úya kundiva uThixo wam.
8. Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; kuba, ndíwile nje, ndiya kubuya ndivuke; kuba, ndíhleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum.
9. Ukujala kukaYehova ndiya kukuthwala, kuba ndonile kuye, ade andithethelele etyaleni lam, andilungisele; uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe.
10. Ke utshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe kukudana, obe lusithi kum, Uphi na uYehova, uThixo wakho? Amehlo am aya kulubona; kungoku luya kunyathelwa njengodaka lwezitrato.
11. Iyéza imini yokwakhiwa kweendonga zakho; ngaloo mini úya kuba kude ummiselo.
12. Ngaloo mini boza kuwe, bevela eAsiriya nasemizini yaseYiputa, bethabathela eYiputa, bade base kuwo uMlambo;* bethabathela elwandle, base elwandle; bethabathela entabeni base entabeni.