1. Khanive akuthethayo uYehova; uthi, Suk' ume, ubambane neentaba, iinduli zilive ilizwi lakho.
2. Yivani, zintaba, ukubambana kukaYehova, nani zimakade, ziseko zehlabathi; kuba uYehova ubambene nabantu bakhe, uya kuphikisana namaSirayeli.
3. Bantu bam, ndenzé ntoni na kuni? Ndinidinisé ngantoni na?
4. Ndíphenduleni. Ngokuba ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhulula endlwini yamakhoboka, ndathuma phambi kwenu ooMoses, noAron, noMiriyam.
5. Bantu bam, khanikukhumbule ukucebisa kukaBhalaki ukumkani wakwaMowabhi, nokuphendula kukaBhileham unyana kaBhehori, ethabathela eShitim, wada wesa eGiligali, ukuze niyazi imisebenzi kaYehova yobulungisa.
6. Ndiya kumkhawulela uYehova ndinantoni na? Ndiye kuzigoba na kuThixo ophezulu? Ndiya kumkhawulela ndinamadini anyukayo na, ndínamathole amnyaka mnye na?