5. Kuba zonke izizwe zihamba, sona eso egameni lothixo waso; thina ke sihamba egameni likaYehova uThixo wethu, ngonaphakade kanaphakade.
6. Ngayo loo mini, utsho uYehova, ndiya kubahlanganisa abaqhwalelayo, ndibabuthe abagxothiweyo, nabendibaphethe kakubi;
7. ndibenze abaqhwalelayo babe ngamasalela, nabakhweleliselwa kùde babe luhlanga olunamandla, uYehova abe ngukumkani kubo entabeni yeZiyon, kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
8. Wena ke, nqaba ende yomhlambi, nduli yentombi enguZiyon, luya kuza lufikelele kuwe olwangaphambili ulawulo, lokuba bubukumkani bentombi enguYerusalem.