Zibhijabhije, ubhanyalaze njengozalayo, ntombi inguZiyon; ngokuba ngoku ùya kuphuma phakathi komzi, uhlale endle, ude uye eBhabheli; ùya kuhlangulwa khona; úya kukukhulula khona uYehova esandleni seentshaba zakho.