8. Izolo eli abantu bam basuke ngokotshaba; nibahluba ingubo ende yokwaleka kwengaphantsi, ábadlula bekholosile, bengathandi kulwa.
9. Abafazi babantu bam niyabagxotha ezindlwini zeziyolo zabo; ebantwaneni babo nizithabathile izivatho zam ngonaphakade.
10. Sukani, nihambe; kuba asiyiyo indawo yokuphumla kwenu le; ngenxa yobunqambi bayo obonákalisayo, obonákalisayo kakhulu.
11. Ukuba bekukho umntu ohamba nomoya, exokisa ngamanga, esithi, Ndiya kuwisa intetho kuwe ngokusingisele kwiwayini, nakwisiselo esinxilisayo, ubeya kuba ngumwisi-ntetho kwaba bantu.