Umika 2:2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Banqwenela amasimi, bawahluthe; kwanezindlu, bazithabathe; bacudisa umfo nendlu yakhe, indoda nelifa layo.

3. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndicinga ububi ngale mizalwane, eningayi kuzirhola iintamo zenu kubo, ningahambi niqhankqalaza; kuba lixesha lobubi.

4. Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso ngani, bameme isimema, kuthiwe, Kwenzekile; sìbhuqiwe sabhuqwa. Isahlulo sabantu bakowethu usananisile; hayi, ukusísusa kwakhe kum! amasimi ethu úwabela amaphamba.

5. Ngako oko akuyi kuba naye okuphosela ulutya kwiqashiso ebandleni likaYehova.

6. Bathi, Musani ukuwisa intetho, bewisa intetho; ukuba àbathe bawisa intetho kubo abo, akayi kubuya umva amahlazo.

Umika 2