2. Banqwenela amasimi, bawahluthe; kwanezindlu, bazithabathe; bacudisa umfo nendlu yakhe, indoda nelifa layo.
3. Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndicinga ububi ngale mizalwane, eningayi kuzirhola iintamo zenu kubo, ningahambi niqhankqalaza; kuba lixesha lobubi.
4. Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso ngani, bameme isimema, kuthiwe, Kwenzekile; sìbhuqiwe sabhuqwa. Isahlulo sabantu bakowethu usananisile; hayi, ukusísusa kwakhe kum! amasimi ethu úwabela amaphamba.
5. Ngako oko akuyi kuba naye okuphosela ulutya kwiqashiso ebandleni likaYehova.
6. Bathi, Musani ukuwisa intetho, bewisa intetho; ukuba àbathe bawisa intetho kubo abo, akayi kubuya umva amahlazo.