Umateyu 9:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Engenile ke emkhombeni, wawela, weza kufika emzini wakowabo.

2. Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho.

3. Besuka ababhali abathile, bathi phakathi kwabo, Lo uyanyelisa.

4. UYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezikhohlakeleyo ezintliziyweni zenu?

5. Kuba okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?

6. Kodwa ukuze nazi ukuba Ășnalo igunya emhlabeni uNyana woMntu lokuxolela izono (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.

7. Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe.

Umateyu 9