Umateyu 6:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Lumkani, ubulungisa benu ningabenzeli ebusweni babantu, ngokunga ningábonwa ngabo; okanye, aninamvuzo kuYihlo osemazulwini.

2. Ngoko, xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngako abahanahanisi ezindlwini zesikhungu, nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.

3. Ke wena, xa uliza abantu, masingazi isandla sakho sokhohlo into eyenziwa sisandla sakho sokunene,

4. ukuze amalizo akho abe semfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni yena.

5. Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo.

6. Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.

Umateyu 6