Umateyu 5:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe.

2. Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi,

3. Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

4. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona.

5. Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.

Umateyu 5