1. Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe.
2. Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi,
3. Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.
4. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona.
5. Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.
6. Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona.
7. Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.
8. Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona.
9. Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona.
10. Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.
11. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam.