Umateyu 4:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Efikile ke umhendi kuye, uthe, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.

4. Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.

5. Eze uMtyholi, amthabathe amse kuwo umzi ongcwele, ammise eluchochoyini lwetempile, athi ke kuye,

6. Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa,Úya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini,Zikufukule ngezandla,Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.(INdum. 91:11)

7. Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.

Umateyu 4