14. Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, ùza kum na wena?
15. Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela.
16. Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini; asuka amazulu avuleka kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe.
17. Nâlo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo nguye.