Umateyu 3:14-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, ùza kum na wena?

15. Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela.

16. Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini; asuka amazulu avuleka kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe.

17. Nâlo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo nguye.

Umateyu 3