Umateyu 27:29-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Aluka isithsaba ngameva, amthi jize ngaso entloko; abeka nengcongolo esandleni sakhe sokunene, awa ngamadolo phambi kwakhe, adlala ngaye, esithi, Aa! Kumkani wamaYuda!

30. Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko.

31. Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.

32. Athe ke ekuphumeni, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon; anyanzela lowo ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.

33. Athi akufika ndaweni kuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi,

34. amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba asele; wathi akuyiva, akavuma ukuyisela.

35. Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso; ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.(INdum 22:18)

36. Ahlala phantsi, amlinda khona apho.

37. Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, LO NGUYESU UKUMKANI WAMAYUDA.

Umateyu 27