Umateyu 27:16-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Baye ke ngelo xesha benombanjwa obesazeka, ekuthiwa nguBharabhas.

17. Bakubon' ukuba ngoko bahlanganisene, wathi kubo uPilato, Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na, uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu,* kusini na?

18. Kuba ebesazi ukuba bamnikele ngomona.

19. Akubon' ukuba uhleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndivé izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe.

20. Kodwa ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ekuthini zicele uBharabhas, zimtshabalalise uYesu.

21. Yaphendula ke irhuluneli yathi kubo, Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena?

22. Bathe ke bona, NguBharabhas. Athi uPilato kubo, NdĂ­menzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu? Bathi kuye bonke, Makabethelelwe emnqamlezweni.

23. Yathi ke irhuluneli, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Makabethelelwe emnqamlezweni.

24. Uthe ke uPilato, akubona ukuba akancedi lutho, ebona ukuba sisuke sangakumbi isiphithiphithi, wathabatha amanzi, wahlamba izandla phambi kwezihlwele, esithi, Andinatyala egazini lalo mntu ulilungisa; ziboneleni nina.

25. Baphendula bonke abantu bathi, Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu.

Umateyu 27