68. Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?
69. Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili.
70. Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo.
71. Kuthe ke, ephume waya esangweni, sambona esinye; sithi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete.
72. Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu.
73. Kwathi ke kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza.